English Manyika Ndau Shona 



Rhapsody of Realities (Isixhosa)

Pastor Chris Oyakhilome, DSc, D.D

Sunday, 26 November 2017

IMlayo YoMoya

"Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho."(IZafobe 1:7).

ILizwi likaThixo lihleli lisiyalela okokwenza. Oku kwenzeka exesheni elininzi. Kumele sibalulekise okuyalelwa. Oku kukho esikuboniswa ku IZafobe 4:13. Lencwadi ithi, "Ungaze wehlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo; yilondoloze, kuba ibubomi bakho.".

UMoya oyiNgcwele uhleli esiyalela okokwenza. Thina kumele sivisisise okuyalelwa. Kwaye kumele senze esikuyalelweyo. Akumelanga singabi nendaba nakho. Akumelanga senze esikucingayo. UThixo akakuthandi. Ukuthatha njengobugqwiha. Kukho esikuxelelwa liBhayibhile. Sikufunda ku 1 KaSamweli 15:23. Ithi, "Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwiha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi ...".

UKuMkani uSawulo wake wayalelwa okokwenza. Kodwa zange abenendaba nakho. Zange akwenze. UThixo wayemthume uyobulala amaAmaleki. Kwakumele awabulale wonke. Kwakumele abhidlize ubutyebi babo bonke. Kodwa ke yena zange enze njalo. Washiya ezinye igusha. Washiya nezinye inkomo. Wabuzwa uba ukwenzeleni. Oku sikubona ku 1 Samweli 15:21. Wathi, "... Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali , ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini

".

UThixo wayengatshongo uba ezizifuyo zigcinwe. Ayekufuna kwakucacile. Wayefuna uba konke kubhidlizwe. UThixo zange athi, "Shiyani izifuyo ezintle. Nizondinika njengemlayelo". Ngakho wena kumele wenze okuyalelwa liLizwi likaThixo. Ungenzi into zocinga kwakho. Enza okufunwa nguThixo. Kwenze ngendlela ayalela ngayo. Kukho ukuba uphumelele. Uzawhlala uphumelela ebomini. Oku kukho okungenziwanga nguSawulo. Wamamela abantu. Zange amamele uThixo. Ngakho, wakhutshwa ebukhosini. Ubukhosi bakhutshwa endlini yakhe. Funda elibali lonke. Liku 1 Samweli 15:1-23.

Ngakho qaphela. Enza okwayalelwa nguThixo. Ezizinto zingabe zingahambelani nokwaziyo. Akunandaba. Enza okwenziwa nguPetros. UPetros wayegqibe ubusuku bonke eloba intlanzi. Kodwa zange abambe nenye intlanzi . UYesu wamlayela uloba kwakhona. UPetros wayengumlobi wentlanzi. Wayevisisisa uhamba kwentlanzi. Ngakho wayekwazi uba uloba kwakungancedi. Kodwa zange aphikise. Waloba. Okwenzakalayo kwammangalisa. Wabamba intlanzi ezininzi. UThixo engakuyalela nawe uba wenze enye into. Ungabona ingani asondweba ukwenza lento. Kodwa wena yenze. Kukho ukuba uphakanyiswe.

Thandaza Usithi

Bawo endimthandayo. Ndiyabulela. ILizwi lakho liyandiyalela. Undiyalela okokwenza mihla yonke. UMoya wakho nguwo ondiyalela ngoluhlobo. Ndingumenzi weLizwi lakho. Andisomntu ovayo qha. Ndibalulekisa endikuyalelweyo. UMoya wam uhlei uqaphele. Ngakho ndiyakhawleza ukwenza iLizwi lakho. Ngakho, ndihleli ndiphakanyiswa ebomini. Ubomi bam buhlala busiya phambili. Ndenza imsebenzi emikhulu. Ngegama lika Yesu. Ameni.

Ezinye Incwadi Ezixhasa Isifundo Sanamhlanje:

IZafobe 8:33;

IZafobe 8:7-10;

IZafobe 10:17

Are you being blessed by the Rhapsody of Realities? You can become a partner, and help more people receive it daily, by sending money by EcoCash to: Star 151 star 2 star 5 star 58225 hash.

(You can also read this article at http://7.am )27