Chigarwe Chikunda English Hwesa Kore Kore Korekore Manyika Ndau Ndebele Shona Zimxhosa 



Ukungazi Kune Ngozi

Friday, 23 September 2022

*We want this message to reach *7 Billion people globally*. Your donation will help us reach them. You can send it using the *KingsPay mobile App (Code: TNIOG)*, or on Ecocash (Zimbabwe) using the following shortcode: *151*2*5*58225# God Bless You!

"Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo" (UMateyu 22 vs 29).

Ukwazi imibhalo kubalulekile kakhulu. Oku kukho esikubona emazwini kaYesu. Wayexelela amajuda. Sifunde amazwi akhona ku uMateyu 22 vs 29. Athi, " Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo". Lamazwi abalulekile nakuthi namhlanje. Ikakhulu kubashumayeli. Inkokheli. Nabafundisi beLizwi likaThixo. Ababantu kumele bazi imibhalo.

Apha uYesu wayethetha nenkokheli. Kwakuzinkokheli zomhlaba wonke. Ngabo ababethenjwe ngaMaIsirayeli. Kungabo ababefundisa laMaIsirayeli iLizwi likaThixo. Ngakho ezinkokheli zazingabantu ababehlonitshwa kakhulu. Kodwa kukhona ababengakwazi. Into zakhona zazizinintsi.

Ezinkokheli zizo kwakhona ezabulala uMsindisi uYesu. Zambulala ngenxa yoswela ulwazi. Zathuka INkosi. Zalisa abantu uba balandele uYesu. Zabalisa uba bamkele uYesu. Zazombulala uYesu. Abantu babona uYesu ethukwa. Ebethwa. Ebethelelwa emnqalezweni. Ezinkokheli zizo ezazingabakhohlisi. Nabo bekhohliswa. Kodwa uYesu nguye ababemthatha njengomkhohlisi.

UPawulo wachasisa ezinkokheli. Sifunda amazwi akhe ku 1 KwabaseKorinte 2 vs 8. Ithi, "ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo ( kuba, ukuba babebazi, ngebangayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),". Yena naye uPawulo wake wahlukuluzwa ngababantu. Bona abaphathi baMajuda aba.

Kukhona apho ayeseTesalonika. Wayenabanye bakhe. Babeshumayela. UPawulo wayesendlini yothandaza. Ethandaza. Abantu abangasoMajuda mawamkela amazwi akhe. Kwaba nabanye abesityhini abamkela lamazwi. Aba abestyhini babehlonitshwa kakhulu. Oku zange konwabise abaphathi baMajuda. Ababaphathi bavusa udushe kuledolophi. Oku kukho esikubona ku IZenzo 17. LaMajuda ayengakwazi ukuba abantu abangasoMajuda kwakumele nabobasindiswe. UThixo nguye owayeqoqe ukuba basindiswe.

Abantu kumele bazi imibhalo. Ngaphandle koko bagqibela besenza into ezimbi. Oku kukho okuthethwa nanguPawulo. Likhona ixesha apho ayengayazi imibhalo. UPawulo wayehlukuluza abangcwele ngelixesha. Sikufunda ku 1 KuTimoti 1 vs 12 kusiya ku 13. Ithi, "Kananjalo ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini; 13nakuba ngaphambili ndandingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni".

Kumele wazi iLizwi likaThixo. Funda imibhalo. Oku kukho esikukhuthazwa liBhayibhile. Sifunda amazwi alo ku 2 KuTimoti 2 vs 15. Ithi, "Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso".

Thandaza Usithi

Bawo endimthandayo. Usebenzisa iLizwi lakho undikhokhelela. Usenza ukuba ndiphile ubomi owandikhethela bona. Ndihleli ndonwabile xesha lonke. Ndisazi ukuba usebenza nam. Usebenza ngaphakathi kwam. Usenza ukuba ndenze okufunayo. Ndifunda imibhalo namhlanje. Ngakho amehlo am' ayavuleka. Ndisengezelela ukwazi. Ngegama likaYesu. Ameni.

Ezinye Incwadi Ezixhasa Isifundo Sanamhlanje

Proverbs 18:15 (AMPC)

John 5:39

2 Timothy 2:15

((This article was culled from:

Rhapsody of Realities (Zim-Xhosa)

Authored By:

Pastor Chris Oyakhilome DSc DD.

You can download a full copy in your language on: https://bit.ly/rorlanguages

You can get other teachings on: https://bit.ly/RORchurch